Igama · root entry nº 44
ncokola
verb
Chat; Converse (informally); Joke; Tease
ili + ncokola →
incoko
noun (class 5)
A talkative person; A chatterbox
Yho! ulincoko ke la mhlobo wakho. '[Wow] that friend of yours is such a chatterbox.'
in + ncokola + o →
incoko
noun (class 9)
A casual talk or conversation;
Incoko ibisitsho pha. 'The conversation was heated there.'
izi + ncokola →
iincoko
noun (class 10)
Conversations;
Iincoko zabo ziyadanisa. 'Their conversations are disappointing.'
uku + ncokola →
ukuncokola
noun (class 15)
The act of conversing; To chat; To joke; To tease someone
Ukuncokola kuyanceda ukuhambisa ixesha. 'Chatting helps pass time.'
ncokola + isa →
ncokolisa
verb
To engage someone in a casual conversation; To talk to someone; To tease someone
Hayi bendikuncokolisa nje. 'I was just teasing you.'
ncokola + ani →
ncokolani
verb
Chat; Converse (informally)
ncokola + eka →
ncokoleka
Can be chatted with [referring to someone who is approachable].
Kuyancokoleka naye noko. 'He/she is, at least, approachable.'
incoko + weni →
encokweni
In the course of a conversation; during the chat
